Jeremiah 11:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndiya kuwohlwaya; amadodana aya kufa ngesiṙele; onyana bawo nentombi zawo baya kufa ngendlala;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kuwavelela; amadodana aya kufa likrele, oonyana babo neentombi zabo ziya kufa yindlala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubavelela; amanene aya kubulawa ngekrele; oonyana babo neentombi zabo ziya kufa yindlala;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo uthi: “Niyabona, ndiza kuqubisana nabo. Amadodana abo aza kufa ngekrele, oonyana neentombi zabo bona bafe yindlala.