Jeremiah 11:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
endayalelayo oyihlo benu ngalo, mhlana ndabaku̔payo elizweni le‐Jipete, esidlangalaleni sesincete, ndisiti: Yivani ilizwi lam, niwenze, njengako konke ndiniyalelayo; naniya kuba ngabantu bam, nam ndoba ngutixo wenu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: noba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
endabawisela umthetho ngako ooyihlo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi, ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze njengoko ndiniwisela umthetho ngako; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
leyo ndayiwisela ooyihlo-mkhulu mhla ndabakhupha eJiputa, ilizwe elalinjengeziko lokunyibilikisa isinyithi kubo. Ndathi kubo: ‘Ndiphulaphuleni, nenze konke endiniyalela kona, khon' ukuze nibe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wenu,