Jeremiah 11:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abevanga noko, abatobanga indlebe yabo kanjalo, kodwa bahambile abanye ngabanye ngobulukuni bentliziyo yabo ekohlakeleyo; ngako ndizisile pezu kwabo onke amazwi olucebano, endandibayalela ukuwenza, kanti abawenzanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazisa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; abawenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa abazange baphulaphule, abazange bazinqumle iindlebe zabo, kodwa ngamnye wahamba ngobubi bentliziyo yakhe engendawo; ke ngoko, ndiya kubazisela onke amazwi omnqophiso endibawisele umthetho wokuba bawenze; kodwa abazange.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Basuka abaphulaphula bona, abandihoya, koko basuka balandela ububi beentliziyo zabo eziqaqadekileyo. Nam ke ndabahlisela zonke iziqalekiso zomnqophiso endathi mabawuthobele, abeva.’ ”