Jeremiah 12:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ngakubo bonke abamelwane bam abakohlakeleyo, abacukumisa ilifa endibenzileyo abantu bam o‐Sirayeli balidle, ukuti: Bona ke, ndiya kubadonyula elizweni labo, nendlu ka‐Juda ndoyidonyula kwa pakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abalichukumisayo ilifa, endilidle ilifa abantu bam amaSirayeli; Yabona, ndiyabahlangula emhlabeni wabo nendlu kaYuda ndiya kuyihlangula phakathi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Malunga nabo bonke abamelwane abakhohlakeleyo abawuthathileyo umhlaba endawunika abantu bam amaSirayeli waba lilifa, ndithi: Ndiza kubagungxula ezweni labo, ngokungathi ndincothula umthi, ndiyinyothule indlu kaJuda kubo.