Jeremiah 12:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wena, Yehova! uyandazi; uyandibona, nentliziyo yam uyayilinga ukuba inawe: bar̔olele ukuxe̔lwa njengegusha, ubahlulele umhla wokubulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Baqweqwedise njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena, Yehova, uyandazi; Wandibona, wayicikida intliziyo yam ngawe; bahlube njengeegusha eziya kuxhelwa; balungiselele umhla wokubulawa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona; uyazigocagoca iingcamango zam ngawe. Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa. Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa.