Jeremiah 12:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa ubalekayo nabahamba ngenyawo, bandule bakudinise, woti nina ke ukuzamana namahashe? ukuba elizweni loxolo unqabile, woti nina ke ukwenza ekukukumaleni kwe‐Yoredane?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ugidime nabeenyawo, bakudinisa, wothini na ukushiyiselana namahashe? Xa ukholose ngelizwe elinoxolo, wothini na ekweneni kweYordan?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ugidima nabahamba ngeenyawo, bakudinisa, wothini na ukukhuphisana namahashe? yaye ukuba banihlisele ishwangusha kwilizwe loxolo enilithembileyo, niya kwenza ntoni na kumathambeka aseYordan?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi: “Xa ububaleka nabantu abahamba ngeenyawo, waza wadinwa, ungakhuphisana njani namahashe? Xa ukhubeka emhlabeni ophangaleleyo, uya kuthini kwiintshinyela zamatyholo aseJordan?