Jeremiah 13:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WATSHO uyehova kum ukuti: Hamba uzizuzele umbinqo weqiya, uwufake esinqeni sako, kodwa ungawungenisi emanzini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova kum ukuthi, Hamba uye uzithengele umbhinqo welinen, uwubeke esinqeni sakho, ke uze ungawufaki emanzini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum, Yiya uzithengele ilinen emhlophe, uyibhinqe, ungayifaki emanzini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Watsho kum *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya kuthenga ibhanti eyenziwe ngelinen, uyibhinqe esinqeni, kodwa ingaze idibane namanzi.”