Jeremiah 13:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ababantu bakohlakeleyo, abalayo ukuva amazwi am, abahambayo ngobulukuni bentliziyo yabo, balandele otixo bambi, ukuba babakonze, nokuba bababedeshe, boba kwa njengombinqo lo, ongafanelekele nto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aba bantu banobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aba bantu bangendawo, bangavumiyo ukuweva amazwi am, bahamba ngokweminquba yentliziyo yabo, balandela thixo bambi ukuze babakhonze, babakhonze: baya kuba njengalo mbhinqo wamampunge;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba bantu bakhohlakeleyo, bangandivayo, balawulwa kukuqaqadeka kweentliziyo zabo, bathe phithi kukunqula nokukhonza oothixo basemzini, baza kuba njengale bhanti yelinen kungenakwenziwa nto konke ngayo.