Jeremiah 13:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, njengokuba umbinqo unamatela esinqeni sendoda, kwa njalo ndiyinamatelisile kum yonke indlu ka‐Sirayeli, nayo yonke indlu ka‐Juda, utsho uyehova, ukuba babe ngabantu, negama, nendumiso, nengewalisa kum; koko bengapulapulanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoda, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba njengokuba umbhinqo ubopha indoda esinqeni, ndenjenjalo ukuyibopha kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze babe ngabantu bam, negama, nendumiso, nozuko, kodwa abevanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanye njengokuba ibhanti ithiwa ntshi esinqeni somntu, umzi kaSirayeli uphela kwakunye nokaJuda ndawubophelela kum,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “khon' ukuze babe ngabantu bam, ndizenzele igama ngabo, nodumo neqhayiya, kodwa bona abevanga.”