Jeremiah 13:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uya kuliteta kubo elilizwi: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Zonke intsuba zozaliswa ngeveyine. Baya kuti kuwe: Asikolisi ukwazi na ukuba zonke intsuba zozaliswa ngeveyine?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, baxelele eli lizwi; Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zonke iingqayi ziya kuzaliswa ngewayini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kum *uNdikhoyo: “Yithi kwaba bantu: ‘Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Wonke umphanda wozaliswa ngewayini.’ Bona ke baya kuthi: ‘Uba asiyazi kakade into yokuba wonke umphanda wozaliswa ngewayini?’