Jeremiah 13:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba aniyi kuva oko, umpefumlo wam wolila ezindaweni ezifihlakeleyo ngenxa yer̔atshi lenu; laye iliso lam liya kulila inyembezi kakulu, ewe, liya kutyityizela ngenyembezi; ngokuba umhlambi kayehova utinjiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba anithanga nikuve oko, wolila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba anithanga niphulaphule, wokhala umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; antywizise amehlo am, antywizise iinyembezi, ngenxa yokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba aniva, ndiya kukhala ngasese, ndilile ngenxa yekratshi eninalo. Ndiya kutsho ezimathontsi ngenxa yomhlambi kaNdikhoyo othinjiweyo.