Jeremiah 13:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esi sisiqashiswa sako, isahlulelwa sako esilinganisiweyo sivela kum, utsho uyehova: ngokokuba undilibele mna, watembela ebuxokini;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba undilibele, wakholosa ngobuxoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sisabelo sakho eso, isabelo sakho somlinganiso ophuma kum, utsho uYehova; ngokuba undilibele, wakholosa ngobuxoki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yinxaxheba yakho leyo, kwakunye nesabelo osahlulelwe ndim.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Kaloku wandilibala wathembela kwizinto zobuxoki.