Jeremiah 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bona ke, abaprofite bati kubo: Aniyi kubona isiṙele, nendlala aniyi kuba nayo, ngokuba ndiya kuninika uxolo oluqinileyo kulendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaza ndathi, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kubona krele, nendlala aniyi kuba nayo; ndiya kuninika uxolo oluyinyaniso kule ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaza ndathi: “Owu Nkosi Yehova! yabonani, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kulibona ikrele, aniyi kulamba; ndiya kuninika uxolo oluqinileyo kule ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, uyazi ukuba abashumayeli bathetha nabantu besithi: ‘Akuzi kubakho krele nandlala apha. Ngaphaya koko utsho uNdikhoyo ukuthi: Kuyo le ndawo ndininika uxolo olungasoze luphele.’ ”