Jeremiah 14:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngoko utsho ukuti uyehova ngabo abaprofite abaprofiteshayo ngegama lam, nangona ndingabatumanga, abati: Isiṙele nendlala aziyi kubako kwelilizwe: Ngaso isiṙele nangayo indlala baya kugqitywa abaprofite abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko uthi uYehova, ngokusingisele kubaprofeti abaprofeta egameni lam, ndingabathumanga mna, abathi, Akuyi kubakho krele nandlala kweli lizwe; uthi, Baya kufa likrele nayindlala bona abo baprofeti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uYehova kubaprofeti abaprofeta egameni lam, andibathumanga, ndathi, Akuyi kubakho mkhonto ungapheleyo kweli lizwe; Abo baprofeti baya kutshatyalaliswa likrele nayindlala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko malunga nabo bashumayeli bashumayela ngegama lakhe bengathunywanga nguye utsho uNdikhoyo ukuthi: “Bathi: ‘Abayi kufikelwa likrele kwakunye nendlala abantu beli lizwe.’ Kambe abo bashumayeli bona ngokwabo baya kutshabalala ngekrele nayindlala.