Jeremiah 14:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabantu, abo baprofiteshayo kubo, bolahlelwa ezitarateni ze‐Yerusaleme, ngenxa yendlala nesiṙele, kungeko mntu oya kubancw̔aba, bona, abafazi babo, nonyana babo, nentombi zabo; ngokuba ndiya kugalela pezu kwabo inkohlakalo yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Naba bantu, baprofetela bona, baya kuba yimilahlwa ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; kungabikho ubangcwabayo, bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, ndibaphalazele ngeento zabo ezimbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabantu abaprofetayo baya kukhutshelwa phandle ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; bangabangcwabi bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo; ngokuba ndiya kuthulula ubugwenxa babo phezu kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabo bantu babashumayezayo baya kukhutshelwa ngaphandle ezitalatweni zaseJerusalem ngenxa yendlala nalikrele. Akuyi kubakho bani uya kubangcwaba, kungayi kubakho bani uya kungcwaba nkqu nabafazi, noonyana, neentombi zabo. Ndiya kubahlisela ishwangusha ngenxa yenkohlakalo yabo.