Jeremiah 14:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uya kuteta kubo elilizwi lokuti: Makatyityizele amehlo am ngenyembezi, ngobusuku nangemini, angabi nakupeza; ngokuba intombi ipela yabantu bam yapukile ngesapuko esikulu, ngesibetwa esibuhlungu kunene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko uze uthethe kubo eli lizwi lokuthi, Amehlo am ahla iinyembezi ubusuku nemini, angaphezi; ngokuba yaphulwe ngolwaphulo olukhulu inkazana eyintombi yabantu bakowethu, ngenxeba elibulalayo kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, baxelele eli lizwi; Amehlo am akasayi kuphalala iinyembezi ubusuku nemini, angaphezi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena ke thetha eli lizwi kubo uthi: “ ‘Antywizisa iinyembezi amehlo am imini nobusuku, ziqukuqele ngokungenasiphelo. Kaloku intombi engabantu bam yenzakele kakubi; yoselwe lelinzulu lona inxeba eli.