Jeremiah 14:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ugqibele ukulahla i‐Juda na? umpefumlo wako uyatiya i‐Ziyone na? kunganina ukuba usibetile, kude kungabiko kuti impiliso? Sakangela uxolo, kodwa akuko okulungileyo; nexesha lempiliso, kodwa nasi isituso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umcekise kwaphela na uYuda? Udimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlahle kwaphela na uYuda? Wayithiya na iZiyon umphefumlo wakho? Usibethile na, kungabikho kuphiliswa? Sithembe uxolo, akulungile; nangenxa yexesha lokuphiliswa, kodwa, khangela!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba, Ndikhoyo, umlahle kwaphela na uJuda? Ngaba ikucaphuzelisa intliziyo na iZiyon? Yini na ukuba usibethe singabi nakuphiliswa? Besilindele uxolo, suka kwavela ububi. Besijonge ukuphiliswa, nâko sifikelwa lunxunguphalo.