Jeremiah 14:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko na pakati kwezinto ezingendawo zabaheyideni enganisayo imvula? nezulu linganika izipango lona na? wena akunguye na, Yehova ’Tixo wetu? ngako sokangela kuwe, ngokuba nguwe owenza zonke ezi zinto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakathi kothixo abangento beentlanga, bakho na abanganisa imvula? Izulu lingayinika na imivumbi? Asinguwe na, Yehova Thixo wethu? Sithembe wena; ngokuba uzenzile wena zonke ezo zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phakathi kweentlanga ezingento, ngaba ukho na onokunisa imvula? Ngaba isibhakabhaka siyana? Asinguwe na, Yehova, Thixo wethu? ke ngoko siya kukulinda, ngokuba nguwe ozenzileyo ezi zinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba oothixo abangento beentlanga bayakwazi ukunisa imvula? Ngaba sona ngokunokwaso isibhakabhaka singehlisa imikhwitsho? Hayi, nguwe, Ndikhoyo, Thixo wethu, esithembele kuye; nguwe ozenzayo zonke ezo zinto.