Jeremiah 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ukuba unjengendoda ebetwa bubutulu, njengeṙoti elikohlwa kukusindisa? Noko wena upakati kwetu, Yehova! siyabizwa ngegama lako kanjako; zungasiyeki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba ube njengendoda ekhwankqisayo, igorha elingenakusindisa; ke wena, Yehova, uphakathi kwethu, negama lakho libizwe phakathi kwethu; ungasishiyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kutheni wafana nomntu odidekileyo, kanye njengegorha elingenamandla okuhlangula? Ngenene ukho phakathi kwethu, Ndikhoyo, singabantu ababizwa ngegama lakho, uze ungasilahli.