Jeremiah 15:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova wati kum: Nakuba u‐Mosesi umhlaumbi u‐Samyali ebemi pambi kwam, umpefumlo wam ubungayi kuba ngakubo ababantu: bandulule ebusweni bam, bapume ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, umphefumlo wam ubungebheki kwaba bantu. Bagxothe ebusweni bam, baphume.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, ubungebheki oko iingcinga zam kwaba bantu; zisuse phambi kwam, uhambe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uthe kum: “Nokuba kungade kube kumi uMosis kunye noSamweli apha ngaphambi kwam, bendingasokuze ndibavele aba bantu konke. Bagxothe bemke phambi kwam!