Jeremiah 15:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai usizi lwam, ma! ukuba undizele ndibe yindoda yepike, nendoda yempikiswano kulo lonke ilizwe: andibolekile, andibolekiwe kanjako; bonke bayandiqalekisa noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha ke mna, Mama, ngenxa yokuba undenze umntu wengxabano, umntu wengxabano nehlabathi liphela! andibolekisanga nanzala, yaye abantu babengandiboleki nanzala; kodwa bonke bephela bandingcikiva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awu, mama, ubundizalela ni? Ngoku sendingumntu wempikiswano nengxabano ehlabathini lonke! Andibolekisanga nganto, kungekho nabani endiboleke kuye, kodwa akukho mntu ungandiqalekisiyo.