Jeremiah 15:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ukuba ubuhlungu bam buyinto efuti, nokuba inxeba lam lelingenakupola, e lingavumi ukupiliswa? Wogqibela ukuba njeng omlambo okohlisayo na kum? woba njeng amanzi atshitshayo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wohla ube ngumlambo okhohlisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba umvandedwa wam uphele, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Ngaba uya kuba njengexoki kum na njengamanzi aqukuqelayo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaba kutheni ke ndisahlupheka nje? Zingasapholi nje ezi zivubeko zam, yintoni zingeva kunyangwa nje? Kutheni ngathi ufuna ukungathembeki nje, ngathi ngumfula ongahlali unamanzi?”