Jeremiah 15:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, utsho uyehova ukuti: Ukuba uya kubuya, ndiya kwandula ndikubuyise, wauya kuma ebusweni bam; nokuba uya kuku̔pa okudumileyo kuko okudelekileyo, woba njengomlomo wam: mababuyele kuwe bona, kodwa wena akuyi kubuyela kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungeni, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe waguquka, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; kodwa aniguquki kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ukuba uyabuyela kum, ndobuya ndikubuyisele esikhundleni sakho, ube sisicaka sam. Ndobuya ndikwenze umlomo wam, ukuba nje uyayiyeka le mbudede uyithethayo. Baza kubuyela kuwe abantu, ingabi nguwe obuyela kubo.