Jeremiah 15:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kukwenza ube ludonga lwexina olunqabileyo kubo ababantu; nakuba balwa nawe, abayi kukweyisa noko; ngokuba ndinawe mna, ukukusindisa nokukuhlangula, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubenzela udonga aba bantu benziwe iinqaba zobhedu; baya kulwa nawe, bangabi nakukweyisa; kuba ndinawe ukuba ndikuhlangule ndize ndikusindise,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kukwenza ube ludonga oluyinqaba yobhedu; bathi bekulwa, bangakoyisi noko. Ndiza kuba nawe, ndikuhlangule, ndikusindise.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.