Jeremiah 15:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kubanikela ekuzanyazanyisweni kubo bonke ubukumkani bomhlaba, ngendawo ka‐Manase, unyana ka‐Hezekiya, ukumkani wo‐Juda, ngenxa yoko wakwenzayo e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndobasusa ezikumkanini zonke zehlabathi, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza kutsho bacekiseke kuzo zonke izikumkani zehlabathi ngenxa yento eyênziwa eJerusalem nguManase into kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.