Jeremiah 16:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa uya kuxela kwababantu onke lamazwi, baze bati kuwe: Kungenxa yanina alitetileyo uyehova lonke elilishwa likulu ngakuti? liyinto nina ityala letu? siyinto nina isono setu esonileyo ngaso ngakuye uyehova, utixo wetu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kothi, xa uthe wabaxelela aba bantu la mazwi onke, baza bathi kuwe, Kungenxa yani na ukuba uYehova abuthethe ngathi bonke obu bubi bukhulu kangaka, buyini na ubugwenxa bethu, siyini na isono sethu, esone ngaso kuYehova uThixo wethu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wawathetha kwaba bantu la mazwi onke, baza bathi kuwe, Yini na ukuba uYehova athethe obu bubi bukhulu ngathi ngathi? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esone ngaso kuYehova uThixo wethu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’