Jeremiah 16:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuqala ndiya kupindezela inkohlakalo yabo nesono sabo ngokupindiweyo; ngokuba benco̔lisile ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezitiyekileyo, nelifa lam balizalisile ngezinto zabo ezibuntshontsho.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ndiya kuqala ngokububuyekeza ububi babo nesono sabo kabini; ngenxa yokuba belenze inqambi ilizwe lam, belizalisa ilifa lam ngezidumbu zabo ezinezothe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuqala ndobabuyekeza ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yobugwenxa babo nesono sabo, kuba baxabhele umhlaba olilifa lam ngoonomgogwana bezithixo zabo ezingamasikizi alizothe.”