Jeremiah 16:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yehova, mandla am, nenqaba yam, nendawo yam yokupepela ngomhla wobunzima! kwa kuwe abaheyideni baya kuza bevela ezipelweni zomhlaba, bati: Ngenyaniso obawo betu badlile ilifa lobuxoki, izinto ezingendawo, ekungeko nanye pakati kwazo enokunceda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo badla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla weshwangusha, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zisithi, Oobawo badla ilifa lobuxoki, nenkohlakalo, nento engento.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Ndikhoyo, mandla am, nqaba yam, mkhuseli wam ngamaxesha eembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zifike zithi: “Inene, oobawo babebambelele kwizinto zobuxoki, bekhonza oothixo abangamampunge, abangancedi lutho.”