Jeremiah 16:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kufa ngezifo ezifisayo, abayi kulilelwa, abayi kuncw̔atywa kanjalo; boba njengomgquba ebusweni bomhlaba; babeya kugqitywa ngesiṙele nangendlala, nezidumbu zabo zoba kukutya kuzo intaka zezulu, nakuzo izilo zomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangambanjazelelwa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kufa ukufa okubuhlungu; abayi kulila; kwaye abayi kungcwatywa; kwaye baya kuba njengemvukelo ehlabathini, kwaye baya kutshatyalaliswa likrele nendlala; izidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwamarhamncwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”