Jeremiah 16:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa nabakulu nabancinane baya kufa kwelilizwe; abayi kuncw̔atywa; kanjalo abantu abayi kubalilela, abayi kuziqapula, abayi kuzenza bunqai ngenxa yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangangcwatywa, kungambanjazelwa ngenxa yabo, kungacentwa, kungachetywa ntloko ngenxa yabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kufa abakhulu nabancinane kweli lizwe; abayi kungcwatywa, abayi kumbambazela, bengayi kuzicenta, bangazihlubi ngenxa yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo.