Jeremiah 16:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abayi kubaqezulela isonka ekulileni, ukuba batutuzelwe pezu kwofileyo; kanjako abayi kubaseza ngendebe yotutuzelo, ngenxa yoyise nangenxa yonina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bangaqhekezelwa sonka esijwilini sabo, ukuba bathuthuzelwe ngenxa yofileyo; bangasezwa ngendebe yentuthuzelo ngenxa yooyise nangenxa yoonina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena umntu akayi kuzikrazula ngenxa yesijwili sakhe, ukuze abathuthuzele ngenxa yofileyo; yaye akukho bani ubanika indebe yentuthuzelo ukuba bayisele ngenxa kayise nonina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukho bani oya kumnika ukutya evelana naye oswelekelweyo, nditsho nokuba selebhujelwe ngunina okanye uyise. Ewe, akayi kusezwa nethontsi eli.