Jeremiah 17:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna kodwa andinxamanga ukuba ndingabi ngumalusi emva kwako; nomhla olusizi andiwukanukanga; wena uyazi: okupumileyo emlonyeni wam kwabako pambi kwobuso bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho;andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna ke, andikusukelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; uyazi: into egqithileyo emlonyeni wam ibiphambi kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke, Ndikhoyo, andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho, ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha. Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo, kuba ndayithetha ebusweni bakho.