Jeremiah 17:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WATSHO uyehova kum ukuti: Hamba uye ume esangweni losapo lwabantu, abangena ngalo okumkani bo‐Juda, nabapuma ngalo, nakuwo onke amasango e‐Yerusaleme;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum, Hamba uye kuma esangweni loonyana bohlanga, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, bephuma, nasemasangweni onke aseYerusalem;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem.