Jeremiah 17:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa niya kukutala ukundipulapula, utsho uyehova, ningangenisi namuye umtwalo ngamasango esisixeko ngomhla wesabata, nize niwenze ngcwele umhla wesabata, ningenzi ngawo namnye umsebenzi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, anangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, anenza nalinye ishishini ngawo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Ukuba nithe naphulaphula ngenyameko, utsho uYehova, ningangeni nanye into emasangweni esi sixeko ngomhla wesabatha, kodwa ukuze nilungcwalise umhla wesabatha, ningenzi namnye umsebenzi kuni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Kambe ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiphulaphuleni ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngoMhla wokuPhumla, koko niwuhlonele, ningenzi msebenzi ngawo konke.