Jeremiah 17:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kuvela ezixekweni zakwa‐Juda, nasezindaweni zangase‐Yerusaleme, naselizweni lakwa‐Benjamine, nasetafeni, nasezintabeni, nasesuyide, bezisa amadini okutshiswa, nemibingo, neminikelo yokudla, nentlakamhlope, kunye nabazisayo iminikelo yokubulela, endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuvela emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem, nasezweni lakwaBhenjamin, nasesithabazini, nakwelithe thabalala, nakwelisezantsi, bezisa amadini anyukayo, nemibingelelo, neminikelo yokudla, nentlaka emhlophe; bangenise umbulelo endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kuza bevela emizini yakwaYuda, ezindaweni ezingeenxa zonke eYerusalem, ezweni lakwaBhenjamin, entlango, ezintabeni, nasezantsi, bezisa amadini anyukayo, nemibingelelo, nemibingelelo, neziqhumiso, nemibingelelo yoxolo dumisani endlwini kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baya kuza bevela kwizixeko zakwaJuda, nakwiilali ezijikeleze iJerusalem, nakummandla wakwaBhenjamin, nakwelangaselwandle, nakweleentaba, nakumazantsi akwaJuda. Baya kuza endlwini kaNdikhoyo bephethe izinto zokwenza amadini atshiswayo, namanye amadini, neminikelo yeenkozo, nesiqhumiso, kunye namadini ombulelo.