Jeremiah 17:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa ningayi kundipulapula, ukuba niwenze ngcwele umhla wesabata, nokuba ningatwali namnye umtwalo, koko niya kungena ngamasango e‐Yerusaleme ngomhla wesabata; ndiya kwandula ndipembe umlilo emasangweni ayo, oya kuzidla ingxande zase‐Yerusaleme, ungacinywa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba anithanga nindiphulaphule, ukuba niwungcwalise umhla wesabatha, ningathwali mthwalo, ningangeni ngamasango aseYerusalem ngomhla wesabatha: ndofaka isikhuni emasangweni ayo, udle iingxande ezinde zaseYerusalem, ungacinywa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba anithanga nindiphulaphule, ukuba niwungcwalise umhla wesabatha, anathwalisa mthwalo, ningangeni ngamasango aseYerusalem ngomhla wesabatha; ndiya kuphemba umlilo emasangweni ayo, utshise iingxande ezinde zeYerusalem, ongacimiyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘ “Kodwa kufuneka nindithobele, niwuhlonele uMhla wokuPhumla, ube yimini eyodwa. Ngaloo mini ze ningangeni ngamasango aseJerusalem nithwele imithwalo. Ukuba aniwuthobeli lo myalelo, loo masango ndowantumeka umlilo – iinqaba zaseJerusalem ziya kuvutha ngumlilo, ungabi nakucinywa bani.” ’ ”