Jeremiah 17:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ntaba yam kunye nelizwe! ubutyebi bako nazo zonke indyebo zako ndozinikela ukupangwa, n endawo ezipakamileyo zako zokwona, kuyo yonke imida yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, neziganga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena, ntaba yam yelizwe, ndiya kuyinikela imfuyo yakho nobuncwane bakho bonke ukuba buthinjwe, nezakhiwo zakho eziphakamileyo zibhukuqwe emazweni akho onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intaba yam phaya endle, kunye nobutyebi bakho nendyebo yakho, ndizinikele zibe lixhoba ngenxa yesono sakho osenze kulo lonke elakowenu, unqula kwizibingelelo ezingezizo.