Jeremiah 17:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuyeka kwa ngokwako ilifa lako, endilinikileyo kuwe; ndandiya kukukonzisa intshaba zenu elizweni ungalazanga: ngokuba umlilo niwupembileyo ngengqumbo yam, uya kutsha kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhonzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuliyeka nawe ilifa lakho endakunika lona; ndikwenze ukuba ukhonze iintshaba zakho ezweni ongalaziyo; ngokuba uwuvuthe ngomsindo wam, uya kuvutha ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uza kulahlekelwa lilifa lakho olinikwe ndim, ndikwenze ukhonze iintshaba zakho ezweni obukade ungalazi, kuba umsindo wam uvutha njengomlilo, waye awusobe ucinywe.”