Jeremiah 17:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba iya kuba njengomti weharohere elubala, ingaboni naxeshekweni kuzayo okulungileyo; koko iya kuma ezindaweni ezomileyo entlango, ezweni elityuwa nelingenabemi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba uya kuba njengozwilakhe entlango, angayiboni xa kufika okulungileyo; uya kuhlala ezindaweni ezomileyo entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mntu unjengetyholo lasentlango; akanakuze abe nempumelelo. Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu, umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.