Jeremiah 17:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba iya kuba njengomti utyelwe ngasemanzini, onabisayo ingcambo zawo ngasemlanjeni, ongaboni nxa buzayo ubushushu, koko igqabi lawo liba luhlaza; ongenaxala emnyakeni wokwoma, ongapezi ukuvelisa isiqa̔mo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uya kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini nonabisa iingcambu zawo ngasemlanjeni, yaye akayi kubona xa kufika ubushushu, kodwa amagqabi awo aya kuba luhlaza; kwaye ayiyi kuphela ngonyaka wembalela, ingayeki ukuthwala isiqhamo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni, ongcambu zinabela emanzini. Awoyiki naxa ilanga lishushu; amagqabi awo ahlala eluhlaza. Ngexesha lembalela awunaxhala; uhlala uvelisa iziqhamo.