Jeremiah 18:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, utsho ke kumadoda akwa‐Juda, nakubo abemi base‐Yerusaleme, usiti: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiyadala ngakuni ilishwa, ndiyaqinga ngakuni iqinga; guqukani ke, omnye ngomnye endleleni yake ekohlakeleyo, nilungise imikwa yenu nezenzo zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ke khawuthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, Utshilo uYehova ukuthi, Yabonani, ndinibumbela ububi, ndiceba ngani icebo; khanibuye elowo endleleni yakhe enobubi, nilungise iindlela zenu neentlondi zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hamba ngoku, uthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, uYehova uthethile; Yabonani, ndinicingela ububi, ndinicingela okulungileyo; Yisuseni elowo endleleni yakhe egwenxa, nizilungise iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze zilunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoku ke baxelele abantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem, uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Niyabona, ndiniqulunqele ububi, ndanicingela icebo. Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nilungise ihambo yenu nezenzo zenu.’