Jeremiah 18:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Kenibuze pakati kwabaheyideni, ngubanina okuvileyo okunjalo? Intombi ipela ka‐Sirayeli yenzile into eyoyikekileyo kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Khanibuze phakathi kweentlanga, ngubani na okhe weva into enje? Yenze into ebanga amanwele kunene intombi enguSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko, wathi uYehova, Buzani ezintlangeni, nivile na into enjengale: Intombi enyulu yakwaSirayeli yenze into ecekisekayo kunene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Khanibuzise kwezinye iintlanga ukuba yakha yehla phi na into enje ngaphambili. Intombi enguSirayeli yenze ihlazo elimanyumnyezi!