Jeremiah 18:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuze kwenziwe ilizwe labo into yokutelwa nqa, into yokwenzelwa amakwelo angunapakade; bonke abadlulayo ngakulo boti nqa, bahlunguzele intloko zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukwenza ihlabathi labo libe yinkangala nentsebenziswano engenasiphelo; bonke abadlulayo baya kuma bemangalisiwe, bahlunguzele iintloko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mhlaba bawutsho wayintw' ekhwankqisayo, intw' eya kuhlala ingumbono ongajongekiyo. Bonke abahamba ngendlela baya kothuka kakhulu, badlule behlunguzela iintloko bethe khumnqa.