Jeremiah 18:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko nikela abantwana babo kwindlala, ubeyelisele ngamandla eṙele; nabafazi babo mababe ngabahlutiweyo abantwana, nabahlolokazi; namadoda abo makabulawe kukufa; amadodana abo makabetwe ngeṙele ekulweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko banikele oonyana babo endlaleni, ubalahlele emandleni ekrele, abafazi babo bangabi nabantwana, babe ngabahlolokazi, amadoda abo abulawe kukufa, amadodana abo abulawe likrele emfazweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko banikele oonyana babo endlaleni, igazi labo ulinikele kugonyamelo lwekrele; abafazi babo bangabi nabantwana, babe ngabahlolokazi; amadoda abo makabulawe; abafana babo babulawa ngekrele emfazweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo; bayeke baye kufa likrele. Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo; amadoda abo atshabalale, noonyana babo babulawe emfazweni.