Jeremiah 18:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sati ke isitya abesenza ngodongwe sonakaliswa esandleni sombumbi; waza wabuya wenza ngaso isitya simbi, njengokuba bekufanele emehlweni ombumbi ukusenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sachithwa isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi; ke ngoko, wenza enye into, njengoko kwakuthandeka emehlweni ombumbi, ukuba ayenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.