Jeremiah 19:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti kuwo: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ndiya kwenje njalo ukuqekeza abantu aba nesixeko esi, njengokuba kuqekezwa umpanda wombumbi, ongenako ukuhlaziywa kanjako; kwakuya kuncw̔atywa e‐Tofete, kude kungabiko indawo yokuncw̔aba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwabele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wothi ke kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndingowasenkangala; Ndiya kwenjenje ukusiqhekeza esi sizwe nesi sixeko, njengeziko elingenako ukunyanyeka; yaye baya kulingcwabela eTofete kude kungabi sabakho ndawo yakungcwaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uthi kuwo: ‘UNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi: Abantu balapha ndiza kubantlekeza kunye neso sixeko sabo, baxele le ngqayi intleke-ntleke, iingceba zingasoze zidibane kwakhona. Baya kungcwabela eTofeti kude kungabikho ndawo iseleyo.’