Jeremiah 19:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wavela u‐Jeremiya e‐Tofete, apo uyehova abemtumile kona ukuya kuprofitesha, weza wema ebaleni lendlu kayehova, wati kubo bonke abantu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya uYeremiya eTofete, apho uYehova abemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubantu bonke,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYeremiya wafika evela eTofete, apho uYehova wayemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova; wathi kubo bonke abantu:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabuya ke uJeremiya evela eTofeti apho wayethunywe ukushumayela khona nguNdikhoyo. Waya kuma ngaphakathi kweyadi yendlu kaNdikhoyo, wathi ebantwini xa bebonke: