Jeremiah 19:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwesixeko esi, napezu kwayo yonke imizi yaso, lonke ilishwa endilitetileyo ngakuso; ngokuba beyenzile lukuni intamo yabo, ukuze bangeva amazwi am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenze lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngabo, ngenxa enokuba bezenza lukhuni iintamo zabo, ukuba bangaliphulaphula ilizwi lam amazwi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, esi sixeko kunye neelali zaso ndiza kusihlisela yonke intlekele endakha ndathetha ngayo, kuba kaloku abantu balapha baneenkani, abafuni kuliphulaphula ilizwi lam.’ ”