Jeremiah 19:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yokuba bendishiyile, nalendawo beyenzile eyasemzini, notixo bambi bebaqu̔misele kuyo, abangabazanga bona, noyise babo, nokumkani bo‐Juda; nokuba bezalisile lendawo ngegazi labangenatyala;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngenxa yokuba baye bandinikela umva baza banikela umva kule ndawo baza batshisa thixo bambi kuyo ngenxa yabanye oothixo ababengabazi bona nookhokho babo, nookumkani bakwaYuda, baza bayizalisa le ndawo ngabathile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo nto ndiza kuyenza ngenxa yokuba abantu basuke bandifulathela, bayenza eyasemzini le ndawo ngokwenzela oothixo basemzini iziqhumiso – ndithetha oothixo abangabaziyo, bengevanga ngabo nangamanyange nkqu nangookumkani bakwaJuda. Le ndawo bayitsho yaba lijaja ligazi labantu abamsulwa,