Jeremiah 19:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba bezakile indawo ezipakamileyo zika‐Bali, baze batshise onyana babo ngomlilo babe ngamadini okutshiswa ku‐Bali, into endingayiyalelanga, nendingayitetanga, nengangenanga entliziyweni yam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamakhela uBhahali iziganga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakhona bakha iindawo eziphakamileyo zikaBhahali ukuze babatshise oonyana babo emlilweni njengomnikelo otshiswayo kuBhahali, into endingabayalelanga yona okanye ndingayithethanga nendingayenzanga njengoko kwakuthe qatha entliziyweni yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
yaye bakhele uBhali izibingelelo, khon' ukuze apho benze amadini ngabantwana babo. Andizange ndibayalele njalo, kwaye andiyithethanga loo nto; andizange ndiyicinge nokuyicinga oku.